INTSHUMAYELI 2:26
INTSHUMAYELI 2:26 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi novuyo; ke yena umoni umnika umzamo wokuhlanganisa nokuqweba, ukuze loo nto ayinike olungileyo phambi koThixo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.
INTSHUMAYELI 2:26 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kaloku uThixo umnika ubulumko, ingqiqo, nokonwaba, loo mntu umkholisayo; kambe ke bona abagwenxa abanike uxanduva lokusebenza nzima, beqweba beqokelela ubutyebi, ukuze ke babunikezele kwabo bakholisa uThixo. Ngenene nale into ngamampunge, ifana nokusukelana nomoya.
INTSHUMAYELI 2:26 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi nolonwabo; ke yena umoni umnika ubutyebi, ukuze amnike okulungileyo phambi koThixo; Kukwalilize nentuthumbo yokomoya.
INTSHUMAYELI 2:26 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba umntu olungileyo ebusweni bake emnika ubulumko, nokwazi, novuyo; kodwa umoni uyamnika umsebenzi wokuhlanganisa nokubuta, ukuba anike kolungileyo ebusweni BUKATIXO. Oku kokungendawo nokukatazeka kwomoya nako.