KWABASE-EFESE 3:14-21
KWABASE-EFESE 3:14-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngenxa yoko ndiyawagoba amadolo am kuye uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, ebizwe ngaye yonke imizalwane esemazulwini nesemhlabeni, ukuba aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi; ukuba uKristu ahlale ngalo ukholo ezintliziyweni zenu, néndele nisekelwe eluthandweni, ukuze nithi, ndawonye nabo bonke abangcwele, nibe nako kanye ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama kwalo, kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi; ukuze niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo. Kuye ke onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa, ngokokwamandla asebenzayo ngaphakathi kwethu, kuye malubekho uzuko ebandleni elikuKristu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana zalo iphakade lasemaphakadeni. Amen.
KWABASE-EFESE 3:14-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngenxa yale nto ke, ndizikhahlela phantsi phambi koBawo, uYise walo lonke usapho olusezulwini nasemhlabeni. Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele. Nanga nina nosapho lukaThixo xa lulonke, ningalunakana ukuba lungakanani na ububanzi balo, lungakanani na ubude balo, kukwangakanani na ukuphakama kwalo nokuba nzulu kwalo uthando lukaKrestu, nilwazi nakuba lungenakwaziwa nje. Ewe, niye niphuphuma bubukho bukaThixo obugqibeleleyo. Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi: Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. *Amen.
KWABASE-EFESE 3:14-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngenxa yoko ndiguqa ngamadolo am kuye uYise weNkosi yethu uYesu Kristu; Ekuthiywe ngaye yonke imizalwane esemazulwini nesemhlabeni, ukuze aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi; ukuze uKristu ahlale ngokholo ezintliziyweni zenu; ukuze nina, nimiliselwe nisekelwe eluthandweni; ninako ke ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama; kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi, ukuze niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo. Kuye ke onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa, ngokokwamandla asebenzayo ngaphakathi kwethu; kuye malubekho uzuko ebandleni elikuKristu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana zalo iphakade lasemaphakadeni. Amen.
KWABASE-EFESE 3:14-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngenxa yalendawo ndiyagoba amadolo am kuye UYISE WENKOSI yetu u‐Yesu Kristu, ekuvela kwa kuye ukubizwa kwazo zonke izizalwane ezisezulwini nezisemhlabeni ngegama, ukuba ati ngokwobutyebi bobungcwalisa bake, aninike ukwomelezelwa ngamandla ngaye UMOYA wake kowapakati umntu, aze u‐Kristu ahlale ngalo ukolo ezintliziyweni zenu; nina nendele nisekelwe nokusekelwa elutandweni nje; ukuze ke nikolise ukuba namandla ukuqiqa, kunye nabo bonke abangcwele, ukuba buyinto nina ububanzi, nobude, nobunzulu, nobupakamo, — nokulwazi utando luka‐Kristu olunqabeleyo ukwazi, ukuze nizaliswe kude kube kuko konke ukuzala KUKATIXO. Kekaloku kuye onamandla ukwenza ngokupezulu kwizinto zonke, ngokupezulu kakulu ngakumbi kwezo sizicelayo nesizicamngcayo, ngokwamandla asebenzayo kuti, kuye lowo makubeko ubungcwalisa eṙementeni, ku‐Kristu Yesu, kuzo zonke izizukulwana kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.