UESTERE 6:1-2
UESTERE 6:1-2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngobo busuku, bemka àbabakho ubuthongo kukumkani; wathi maziziswe iincwadi zezikhumbuzo zemicimbi yemihla; zamana zileswa phambi kokumkani. Kwafunyanwa kubhaliwe okokuba uMordekayi wabaxela ooBhigetan noTereshe, amathenwa amabini okumkani, abagcini bomnyango, ababefuna ukumsa izandla ukumkani uAhaswerosi.
UESTERE 6:1-2 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku ngobo busuku ukumkani waphuthelwa, waza ke wathi makuziswe incwadi yeembali zeengcombolo zolawulo lwakhe. Yeziswa ke, yafundwa esiva ukumkani. Apho kuyo ke kwafunyaniswa ukuba uModekayi wadiza iyelenqe likaBhigetan noTereshi amaphakathi okumkani awayefuna ukubulala ukumkani uAsuwerosi. La maphakathi ayengabalindi bamasango.
UESTERE 6:1-2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngobo busuku, ukumkani walala ubuthongo, waza wayalela ukuba kuziswe incwadi; zaleswa phambi kokumkani. Kwafunyaniswa ukuba kwakubhaliwe oko uMordekayi wayekuxelile ngokuphathelele uBhigetana noTerese, izicakakazi ezimbini zendlu kakumkani, abagcini-masango, ababefuna ukubulala uKumkani uAhaswerosi.
UESTERE 6:1-2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngobobusuku ukumkani wemkelwa bubutongo; waza waxela ukuba kuziswe incwadi yezikumbuzelo, eyemicimbi yemihla ngemihla, eyabileseshwa ebusweni bokumkani. Kwafunyanwa kuba̔liwe okokuba u‐Modekai ebeshumayele ngo‐Bigitana no‐Tereshe, ababusi ababini bokumkani, kubo abagcini bomnyango, abafuna ukwolula isandla ngakuye ukumkani u‐Hasheveroshe.