UESTERE 9:20-22
UESTERE 9:20-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UMordekayi wazibhala ezo nto, wathumela iincwadi kumaYuda onke, abesemazweni onke kakumkani uAhaswerosi, akufuphi kwanakude; ewamisela ukuba awugcine umhla weshumi elinesiné wenyanga enguAdare, nomhla weshumi elinesihlanu kuyo, iminyaka ngeminyaka yonke, njengokuba iyimihla awaphumla ngayo amaYuda ezintshabeni zawo; iyinyanga esaguqulwa ngawo isingqala saba luvuyo, isijwili saba ngumhla wokuchwayitha; ayènze yona ibe yimihla yesidlo, nomvuyo, neyokuthumelana izabelo, neyokupha amahlwempu izipho.
UESTERE 9:20-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku uModekayi wazibhala ezi ziganeko, wathumela izaziso kuwo onke amaJuda akwiziphaluka zikakumkani uAsuwerosi, ezikude nezikufuphi, ewayalela ukuba enze imibhiyozo minyaka le ngosuku lweshumi elinesine nolweshumi elinesihlanu kwinyanga uAdare. Elo ibe lithuba lokukhumbula ukukhululeka kwamaJuda kwiintshaba zawo, inyanga apho usizi lwawo lwaguquka lwaba luvuyo, isingqala sawo sajika saba ngumhla wemibhiyozo. Wabhala ewakhuthaza ukuba ezo ntsuku azenze ithuba lezidlo nemivuyo, anikane izipho zokutya, abonelele namahlwempu ngezipho.
UESTERE 9:20-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uMordekayi wazibhala ezo zinto, wathumela iincwadi kumaYuda onke, emazweni onke kakumkani uAhaswerosi, akufuphi nakude; ukuba akuqinisele, awugcine umhla weshumi elinesine wenyanga enguAdare, nomhla weshumi elinesihlanu kuyo umnyaka; Kufana nemihla aphumla ngayo amaYuda ezintshabeni zawo, yaza nenyanga yatshintsha kuwo usizi yaba luvuyo, isijwili saba lusuku oluhle nezipho kumahlwempu.
UESTERE 9:20-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WAZA u‐Modekai waba̔la ezizinto, wazituma incwadi kuwo onke ama‐Juda abekuwo onke amazwana okumkani u‐Hasheveroshe, lawo akufupi nalawo akude, ukuze kuqiniswe pezu kwawo, ukuba abambe oweshumi linesine umhla wenyanga yo‐Adari, noweshumi linesihlanu umhla wayo, kuyo yonke iminyaka ngaminye, njengokuba iyimihla apumla ngayo ama‐Juda ezintshabeni zawo, nenyanga ebekuwaguqulelwa usizi lwaba luvuyo, nolilo lwaba ngumhla omnandi: ukuba ayenze yona imihla yesidlo novuyo, neyokutuma izabelwa omnye komnye, namabaso kumahlwempu.