IEKSODUS 2:11-12
IEKSODUS 2:11-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
UMosis uthe akuba mdala wakhe watyelela amawabo, wawabukela esebenza nzima eqhutywa. Kwangelo xesha wabona umJiputa elimaza umwabo umHebhere. Akuba elaqazile waqonda ukuba akukho mntu ubukeleyo, wahlasela umJiputa lowo, wambulala, waza wamngcwaba entlabathini.
IEKSODUS 2:11-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe. Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.
IEKSODUS 2:11-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, akukhula uMoses, waphuma waya kunyamekela abazalwana bakhe nemithwalo yabo; wabulala umYiputa, owabulala umzalwana wakhe ongumHebhere. Wabhekabheka, wabona ukuba akukho mntu, wambulala umYiputa lowo, wamngcwabela entlabathini.
IEKSODUS 2:11-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaye kute ngezontsuku, nxa selekulile u‐Mosesi, wapuma waya kubo abazalwana bake, wabonela imitwalo yabo; wada wabona um‐Jipete ebeta um‐Hebere, owasebazalwaneni bake. Waza wabeka apa napaya, wati, akubona ukuba akuko mntu, wambulala um‐Jipete, wamselela entlabatini.