IEKSODUS 24:17-18
IEKSODUS 24:16-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Baza ke ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bahlala phezu kwentaba iSinayi. KumaSirayeli kwakungathi ngumlilo ovuthayo apho phezu kwentaba. Ilifu elo layifukama intaba leyo iintsuku zantandathu, waza ngolwesixhenxe uNdikhoyo wabiza uMosis esefini apho. Ke kaloku uMosis wenyuka intaba, waya kungena apho efini. Wahlala apho iintsuku ezimashumi mane.
IEKSODUS 24:17-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke ukubonakala kobuqaqawuli bukaYehova, emehlweni oonyana bakaSirayeli, kwaye kunjengomlilo otshayo encotsheni yentaba. Wangena uMoses phakathi efini, wenyuka ke intaba uMoses; waba sentabeni apho iimini ezimashumi mané, nobusuku obumashumi mané.
IEKSODUS 24:17-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Imbonakalo yobuqaqawuli bukaYehova, emehlweni oonyana bakaSirayeli, ibinjengomlilo odlayo encotsheni yentaba. Wangena uMoses efini, wenyuka waya entabeni; wahlala uMoses entabeni iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane.
IEKSODUS 24:17-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
(Kekaloku ukubonakala kwobungewalisa BUKAYEHOVA kwakunjengomlilo odlayo, engcotsheni yentaba, emehlweni osapo luka‐Sirayeli.) Wasuka u‐Mosesi wangena pakati kwelifu, wenyukela entabeni: waye u‐Mosesi wasentabeni imini zamashumi mane nobusuku bamashumi mane.