IEKSODUS 27:20-21
IEKSODUS 27:20-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Yitsho amaSirayeli eze neyona icwengileyo ioyile yomnquma, khon' ukuze isibane sihlale sivutha njalo-njalo. Kweli cala linganeno phambi komkhusane wetyesi yomnqophiso, uAron noonyana bakhe mabasoloko bejonge ukuba izibane ziyavutha phambi *koNdikhoyo, ukususela ngorhatya kude kube kusasa. Lo mmiselo ke mawuhlale uthotyelwe nanini na ngamaSirayeli nezizukulwana zawo.”
IEKSODUS 27:20-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Oonyana bakaSirayeli maze ubawisele umthetho wokuba bakuzisele ioli eqaqambileyo yemingquma engqushiweyo, yesikhanyiso, ukuba bamise isibane samaxesha onke, ententeni yokuhlangana, nganeno komkhusane ophambi kwesingqino. UAron noonyana bakhe bosilungisa, kuthabathele ngokuhlwa kude kuse, phambi koYehova; ibe ngummiselo onganuphakade kwizizukulwana zabo, ngenxa yoonyana bakaSirayeli.
IEKSODUS 27:20-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, bazise kuwe ioli eqaqambileyo yeminquma engqushiweyo esiphathweni saso, ukuze sihlale sivutha isibane. Ententeni yokuhlangana, nganeno komkhusane, naphambi kwesingqino, woyicwangcisa ooAron noonyana bakhe le nto phambi koYehova, kuthabathele ngokuhlwa kude kuse: ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zabo, koonyana bakaSirayeli.
IEKSODUS 27:20-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanjalo wena uya kuyalela usapo luka‐Sirayeli, ukuba luyizise kuwe ioli engcwengileyo yamanquma anqushiweyo ibe yeyesikanyiso, kuze kumiswe izibane ngamaxesha onke. Kuyo intente yentlangano, ngapandle kwekuselo, elipambi kwesinqi̔no, baya kulungisa sona u‐Arone nonyana bake, kwa sekuhlweni kude kuse, ebusweni BUKAYEHOVA: woba ngummiselwa ongunapakade kwizizukulwana zabo, ngenxa yosapo luka‐Sirayeli.