IEKSODUS 31:2-5
IEKSODUS 31:2-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Khangela, ndibizé ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda; ndamzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke; ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu, nangokukrola amatye, awafake, nangokukrola imithi, asebenze amashishini onke.
IEKSODUS 31:2-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Uyabona ke, uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, ndimnyule. Ndimzalise ngoMoya wam, ndamthi jize ngokuqonda, ubuchule, nabo bonke ubugcisa; ukucwangcisa nokuyila esebenza ngegolide, isiliva, nobhedu; ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa.
IEKSODUS 31:2-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yabona, ndimbize ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda, ukuba ube ngoonyana bakaUri. Ndamzalisa ngomoya kaThixo ngobulumko, nangengqondo, nangokwazi, nangokwazi konke; ukuba ayile imisebenzi yenkohliso, kusetyenzwe ngegolide, nesilivere, nobhedu; nokuba kukrolwe amatye, awafake, akrole imithi, enze imisebenzi yobugcisa, yeentlobo ngeentlobo.
IEKSODUS 31:2-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Uyabona ke, sendimbizile ngegama u‐Betsalele, unyana ka‐Uri, unyana ka‐Hure, owesizwe sika‐Juda. Yena ndimzalisile ngomoya KATIXO, ngobulumko, nangengqondo, nangokwazi, nangentlobo zonke zomsebenzi; ukuze aqinge amasetyenzwa obuncibi, enze ngegolide, nangesilivere, nangexina, nangokuqingqa amatye, okuba kufakwe, nangokuqingqa imiti, yokuba kwenziwe ngentlobo zonke zomsebenzi.