IEKSODUS 32:5-6
IEKSODUS 32:5-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wabona uAron, wákha isibingelelo phambi kwalo; wadanduluka uAron wathi, Ngumthendeleko kuYehova ngomso. Bavuka kusasa ngengomso, banyusa amadini anyukayo, basondeza imibingelelo yoxolo; bahlala phantsi abantu, badla basela, besuka bema, badlala.
IEKSODUS 32:5-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Akuyibona le nto uAron wakha iqonga lamadini apho phambi kwaloo nkunzana yenkomo, waza wenza isaziso esithi: “Ngomso kobhiyozelwa uNdikhoyo.” Kwangentseni ngomhla olandelayo benza amadini atshiswayo kwanatyiwayo. Ke kaloku abo bantu batya, basela, bahakaza, bada barheletya.
IEKSODUS 32:5-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wabona uAron, wakha isibingelelo; Wadanduluka uAron, esithi: “Ngomso ngumthendeleko kaYehova. Bavuka kusasa, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yokubulela; Yahlala phantsi isihlwele, yadla, yasela, yema ukuba idlale.
IEKSODUS 32:5-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wati u‐Arone akulibona, waka isibingelo ebusweni balo; waza wadanduluka u‐Arone, wati: Ngomso kuya kubako umtendeleko KUYEHOVA. Baza bavuka kusasa ngomnye umhla, banikela amadini okutshiswa, basondeza neminikelo yoxolo; bahlala pantsi ke abantu badle basele nokusela, bandula ukusuka badlale.