IEKSODUS 33:16-17
IEKSODUS 33:16-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuya kwaziwa kwaziwe ngantoni na khona, ukuba undibabále mna nabantu bakho? Àkungokuthi na uhambe nathi, sibáluleke thina, mna nabantu bakho, ebantwini bonke abaphezu komhlaba? Wathi uYehova kuMoses, Nale nto uyithethileyo ndiya kuyenza; kuba ndikubabále, ndikwazile ngegama.
IEKSODUS 33:16-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Xa ungahambi nathi kuya kwaziwa njani ukuba ukholisekile ndim naba bantu? Kanti ke xa ukho phakathi kwethu, siya kutsho sahluke kulo lonke uluntu.” UNdikhoyo wathi: “Ndiza kwenza kanye ngokwesicelo sakho, kuba kaloku ndikholisekile nguwe, futhi ke ndikwazi kakuhle.”
IEKSODUS 33:16-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuya kwaziwa ngantoni na khona, ukuba undibabale mna nabantu bakho? Akungokuba uhamba nathi na? sahlulwe ke mna nabantu bakho kuzo zonke iintlanga zehlabathi. Wathi uYehova kuMoses, Nam ndiya kuyenza le nto uyithethileyo, ngenxa enokuba ubabalwe ndim, ndikwazile ngegama.
IEKSODUS 33:16-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba kuya kwaziwa nganto nina kaloku, ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, mna nabantu bako? asi ngako na ukuhamba kwako nati? kukona siya kwahlulwa, kwa mna nabantu bako, kubo bonke abantu abapezu kwobuso bomhlaba. Waza UYEHOVA wati ku‐Mosesi: Kwa nalento uyitetileyo ndiya kuyenza; ngokokuba ufumene ufefe emehlweni am, nokuba ndikwazi ngegama.