Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UHEZEKILE 12:25 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 12:25 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngokuba ndinguYehova, ndiya kuthetha; ilizwi endisukuba ndilithetha liya kwenzeka, lingayi kulibala; ngokuba ngemihla yenu, ndlundini ineenkani, ndithetha ilizwi, ndilenze; itsho iNkosi uYehova.

UHEZEKILE 12:25 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Mna Ndikhoyo ndiza kuthetha endikuthethayo, kuze kuzaliseke ngokukhawuleza. Ithi iNgangalala enguNdikhoyo: Konke endikuthethayo phambi kwenu kozalisekiswa ngemihla yenu, ndlundini inenkani.’ ”

UHEZEKILE 12:25 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngokuba mna YEHOVA ndiya kuteta elozwi endiya kuteta lona, laliya kufezwa; alisayi kulityaziswa; ngokuba kwa semihleni yenu, ndlu enenkani! ndiya kuliteta ilizwi, ndilifeze, itsho INKOSI e NGUYEHOVA.

UHEZEKILE 12:25 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ngokuba ndinguYehova; ndiya kuthetha, nelizwi endiya kulithetha libe yinyaniso; aliyi kuba sabakho, ngokuba ngemihla yenu, ndlundini ineenkani, ndithetha ilizwi, ndilenze; itsho iNkosi uYehova.