UHEZEKILE 18:20 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 18:20 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona wodwa. Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana; ubulungisa belungisa buya kuba phezu kwalo, nokungendawo kongendawo kuya kuba phezu kwakhe.

UHEZEKILE 18:20 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ngumntu owonileyo oya kufa. Unyana akayi kulithwala ityala likayise, noyise akayi kulithwala ityala lonyana. Olungileyo uya kuvuzwa ngobulungisa bakhe, okhohlakeleyo ohlwaywe ngenkohlakalo yakhe.

UHEZEKILE 18:20 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Umpefumlo owonayo wona uya kufa: unyana akayi kutwala ityala loyise, kanjalo uyise akayi kutwala ityala lonyana; ukulunga kwolungileyo kwoba pezu kwake, nokukohlakala kwokohlakeleyo kwoba pezu kwake.

UHEZEKILE 18:20 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Umphefumlo owenza isono kuya kufa wona. Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana