UHEZEKILE 2:2-3 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UHEZEKILE 2:2-3 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwangena ke uMoya kum, xa abethetha nam, wandimisa ngeenyawo zam, ndamva othetha kum. Wathi kum, Nyana womntu, ndikuthuma koonyana bakaSirayeli, kwiintlanga ezingabagwiliki, abagwilikileyo kum; bona nooyise babo bakreqile kum, kwada kwayile mini.
UHEZEKILE 2:2-3 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe esathetha njalo ndangenwa nguMoya owasuka wandiphakamisa ndema ngeenyawo, ndaza ndamva ebhekisa kum, esithi: “Mntundini, ndikuthuma kumaSirayeli, isizwe sabavukeli esindivukeleyo; wona nooyise andivukele kwada kwanamhlanje.
UHEZEKILE 2:2-3 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandul’ ukungena kum UMOYA, nxa abeteta kum, wandimisa ngenyawo zam; ndaza ndeva lowo owateta kum. Wayesiti kum: Nyana woluntu! ndiyakutuma elusatsheni luka‐Sirayeli, kwizizwe ezingevayo, ezivukele ngakum: lona noyise balo bagqitile ngakum kwada kwanguwo umhla lo.
UHEZEKILE 2:2-3 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Kwangena ke kum umoya ethetha nam, wandimisa ndema, ndamva ethetha nam. Waza wahlabela mgama wathi kum: “Nyana womntu, ndikuthuma koonyana bakaSirayeli, kubantu abazele yimvukelo, abajikileyo kum; bona bandingcatshile bona nooyise, unanamhla.