UHEZEKILE 2:7-8 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UHEZEKILE 2:7-8 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wáthethe ke kubo amazwi am, nokuba bathe beva, nokuba bathe bála; ngokuba baneenkani. Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; ungabi nankani, njengale ndlu ineenkani; yakhamisa, udle endikunikayo.
UHEZEKILE 2:7-8 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze uluxele udaba lwam kubo nokuba bayakuphulaphula okanye abaphulaphuli, kuba kaloku bangabavukeli. Wena ke, mntundini, phulaphula endikuxelela kona. Ungandivukeli uxele esi sizwe sabavukeli; vula umlomo wakho, utye endikunika kona.”
UHEZEKILE 2:7-8 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kuteta amazwi am kubo, nokuba baya kuva, nokuba baya kuyeka: ngokuba benenkani bona. Kodwa wena, nyana woluntu! yiva oko ndikutetayo kuwe; uze ungabi ngonenkani, njengayo londlu enenkani; yakamisa umlomo wako, utye oko endikunika kuwe.
UHEZEKILE 2:7-8 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Wowathetha kubo amazwi am, kungakhathaliseki ukuba bathe baweva, nokuba bathe bayama, ngokuba beyienkani ezinkulu. Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; musa ukuba nekratshi, njengaloo ndlu ineenkani; vula umlomo wakho, utye endikunika kona.