UHEZEKILE 24:14 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 24:14 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Mna Yehova ndithethile; iyéza le nto, ndiya kuyenza; andiyi kuyeka, andiyi kuba nanceba, andiyi kuzohlwaya. Baya kukugweba ngokweendlela zakho nangokweentlondi zakho; itsho iNkosi uYehova.

UHEZEKILE 24:14 XHO96 (IBHAYIBHILE)

“Ndithethile mna Ndikhoyo. Lifikile ixesha lokuba ndenze. Andiyi kulibazisa. Andizi kuba nanceba, ndingayi kubuya mva. Uza kohlwaywa ngokwesimilo sakho nezenzo zakho. Nguwo lowo umlomo weNgangalala uNdikhoyo.”

UHEZEKILE 24:14 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Mna YEHOVA nditetile oku, kwoza kubako, ndandiya kukwenza; andiyi kuyeka, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba nalusizi; njengendlela zako, nanjengezenzo zako, baya kukugweba, itsho INKOSI e NGUYEHOVA.

UHEZEKILE 24:14 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Mna Yehova ndithethile; Kuya kubakho ntoni na, ndiya kuyenza; andiyi kubuya, andiyi kuba nanceba, andiyi kuzohlwaya; baya kukugweba ngokweendlela zakho nangokwezenzo zakho, itsho iNkosi enguMongami uYehova.