Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UHEZEKILE 33:11 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 33:11 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Yithi kubo, Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo; kumnandi kum ukubuya kongendawo endleleni yakhe, aphile. Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi! Yini na ukuba nide nife, ndlu kaSirayeli?

UHEZEKILE 33:11 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Yithi kubo: ‘Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo; akundikholisi ukufa kwabakhohlakeleyo. Ndithanda ukuba baguquke, bahlukane nezenzo zabo zobugwenxa, badle ubomi. Guqukani! Guqukani kwiindlela zenkohlakalo. Ngani ukuba nide nife, ndlundini kaSirayeli?’

UHEZEKILE 33:11 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Yiti kubo: Ndihleli nje mna, itsho INKOSI e NGUYEHOVA, anditandi ukufa kwokohlakeleyo, koko nditanda ukuguquka kwokohlakeleyo endleleni yake, ukuba adle ubomi: guqukani, guqukani kuzo indlela zenu ezikohlakeleyo: ngokuba kunganina ukuba niya kufa, ndlu ka‐Sirayeli!

UHEZEKILE 33:11 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Yithi kubo, Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, andiyi kukuvuyela ukufa kongendawo; ukuze ongendawo aguquke endleleni yakhe nasebomini bakhe. Yini na ukuba nife, ndlu kaSirayeli?