Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UHEZEKILE 37:1-2 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 37:1-2 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Saba phezu kwam isandla sikaYehova; waphuma nam uYehova, ndikuMoya, wandibeka entilini phakathi; yona ke izele ngamathambo. Wandidlulisa kuwo, wandijikelezisa ngeenxa zonke; yabona, ebemaninzi kakhulu entilini leyo; yabona, ebeselomile kakhulu.

UHEZEKILE 37:1-2 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Amandla *kaNdikhoyo andongamela, waza wandifunqula ngoMoya wakhe, wandibeka esizikithini sentlambo eyayizele ngamathambo. Wandijikelezisa phakathi kwawo, ndaza ndabona amathambo amaninzi ethe waca apho entlanjeni; ayesele ome nko.

UHEZEKILE 37:1-2 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

SAYE sipezu kwam isandla SIKAYEHOVA; wandipumisa ngo MOYA KAYEHOVA, wandibeka pantsi pakati kwetafa; lona ke lalizele ngamatambo. Waza wandidlulisa ngakuwo ngendawo yonke engqongayo: kekaloku bona ke, ebemaninzi kakulu pezu kwobuso betafa; kanjalo bona ke, ebomile kakulu.

UHEZEKILE 37:1-2 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Saba phezu kwam isandla sikaYehova, wandikhupha ngoMoya kaYehova, wandibeka emfuleni ozele ngamathambo; Wandijikajika, ndawajika ndawabona emaninzi entilini; nantso omile kakhulu.