Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UHEZEKILE 37:4-5 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 37:4-5 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wathi kum, Profeta phezu kwala mathambo, uthi kuwo, Mathambondini, liveni ilizwi likaYehova. Itsho iNkosi uYehova kula mathambo, ukuthi, Niyabona, ndingenisa umoya kuni; niya kuphila ke.

UHEZEKILE 37:4-5 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Wathi ke kum: “Shumayeza la mathambo, uthi kuwo: Mathambondini omileyo, yivani ilizwi likaNdikhoyo! Itsho iNkosi uNdikhoyo kula mathambo ukuthi: Ndiya kufaka umoya kuni ukuze nidle ubomi.

UHEZEKILE 37:4-5 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Wabuya wati kum: Profitesha pezu kwamatambo la, uti kuwo: Nina matambo omileyo! yivani ilizwi LIKAYEHOVA. Itsho INKOSI e NGUYEHOVA kulamatambo ukuti: Bona ke, ndiya kungenisa kuni umoya, naniya kupila.

UHEZEKILE 37:4-5 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wathi ke kum, Profeta kula mathambo, uthi kuwo, Mathambondini omileyo, liveni ilizwi likaYehova. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ngala mathambo niyabona, ndiniphefumlela, niphile