UHEZEKILE 37:6 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UHEZEKILE 37:6 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kunifaka imisipha, ndimilise kuni inyama, ndinaleke ngolùsu, ndifake umoya ngaphakathi kwenu, niphile; názi ukuba ndinguYehova.
Yabelana
UHEZEKILE 37 XHO75UHEZEKILE 37:6 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kunamathelisa imisipha kuni, ndigqume ngenyama, ndize ndinambathise ngolusu. Ndiya kunifaka umoya, nize nibe ngabaphilayo. Niya kutsho nazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
Yabelana
UHEZEKILE 37 XHO96UHEZEKILE 37:6 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kubeka imisipa pezu kwenu, ndinyuse inyama pezu kwenu, ndinigubungele ngentlonze, ndibeke kuni umoya, naniya kupila ke; naye niya kukwazi okokuba mna ndi NGUYEHOVA.
Yabelana
UHEZEKILE 37 XHO1902AUHEZEKILE 37:6 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ndiya kunifaka umsipha, ndinenze inyama phezu kwenu, ndinambese ulusu, ndifake umoya kuni, niphile; nazi ukuba ndinguYehova.
Yabelana
UHEZEKILE 37 CXB24