UHEZEKILE 4:4-5 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UHEZEKILE 4:4-5 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ke, lala ngecala lakho lasekhohlo, ububeke ubugwenxa bendlu kaSirayeli phezu kwalo: ngangenani leentsuku oya kulala ngalo, ùya kubuthwala ubugwenxa babo. Kuba iminyaka yobugwenxa babo ndiyenza ukuba kuwe ibe ngangenani leentsuku, iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba; ùya kubuthwala ubugwenxa bendlu kaSirayeli.
UHEZEKILE 4:4-5 XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoku ke ngqengqa ngecala lasekhohlo, ube ngokwenjenjalo usithabathele kuwe isono sendlu kaSirayeli. Esi sono ke siya kuba sesakho zonke iintsuku ulele ngecala. Ndikusikele iintsuku ezinani lilingana nenani leminyaka yokreqo lwendlu kaSirayeli. Ngoko ke uya kusithwala isono sayo iintsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba.
UHEZEKILE 4:4-5 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo wena lala pezu kwelokohlo icala lako, ubeke ityala lendlu ka‐Sirayeli pezu kwalo: inani lemihla uya kulala pezu kwalo, uya kutwala ityala labo. Ngokuba ndikumisele iminyaka yetyala labo, ngenani lemihla, imihla engamakulu matatu anamashumi alitoba; wauya kutwala ityala lendlu ka‐Sirayeli.
UHEZEKILE 4:4-5 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Lala ngecala lakho lasekhohlo, ububeke ubugwenxa bendlu kaSirayeli phezu kwalo; ngokuba inani leentsuku enilala ngalo, niya kubuthwala ububi babo. Kuba iminyaka yobubi babo ndiyenza ukuba ibe ngangenani leentsuku, iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba; ngaloo ndlela uya kubuthwala ubugwenxa bendlu kaSirayeli.