UHEZEKILE 4:6 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 4:6 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ùya kuthi, wakuba uzifezile ezo, ulale okwesibini ngecala lakho lasekunene, ubuthwale ubugwenxa bendlu kaYuda iintsuku ezimashumi mané; ndikwenzela usuku lube ngumnyaka, usuku lube ngumnyaka.

UHEZEKILE 4:6 XHO96 (IBHAYIBHILE)

“Wakuba ukufezile oku, uze uphinde ungqengqe, kodwa ngoku ngecala lasekunene, ube ngokwenjenjalo usithabathela kuwe isono sendlu kaJuda. Ndikusikele iintsuku ezingamashumi amane; usuku ngalunye lumele unyaka.

UHEZEKILE 4:6 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Nxa ugqibile le, uze ubuye ulale pezu kwelokunene icala lako, wauya kutwala ityala lendlu ka‐Juda imihla engamashumi mane: ndikumisele umhla mnye endaweni yomnyaka mnye, umhla mnye endaweni yomnyaka mnye.

UHEZEKILE 4:6 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Uya kuthi wakuba ukufezile oko, ulale ngecala lakho lasekunene, ubuthwale ubugwenxa bendlu kaYuda iintsuku ezimashumi mane