UHEZEKILE 7:19 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 7:19 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Isilivere yabo baya kuyiphosa ezitratweni, negolide yabo ibe yinto engcolileyo kubo. Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; abayi kuwuhluthisa ngayo umphefumlo wabo, nombilini wabo bangàwuzalisi ngayo; ngokuba yaba sisikhubekiso sokuba babe gwenxa.

UHEZEKILE 7:19 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Baya kuyilahla ezitalatweni isiliva yabo, igolide ifane nento emdaka. Abayi kusindiswa yigolide nesiliva yabo ngomhla wengqumbo kaNdikhoyo. Abayi kuyidla xa belambile; kaloku yiyo ebakhubekisileyo.

UHEZEKILE 7:19 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Isilivere yabo baya kuyiposa ezitarateni, negolide yabo yoba yinto enco̔lileyo: isilivere yabo negolide yabo ziya kukohlwa kukubahlangula ngomhla womsindo KAYEHOVA; imipefumlo yabo aziyi kuyihlutisa, namatumbu abo aziyi kuwazalisa; ngokuba zisisiku̔bekiselo senkohlakalo yabo.

UHEZEKILE 7:19 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Isilivere yabo baya kuyiphosa ezitratweni, negolide yabo ithinjwe; isilivere yabo negolide yabo ayiyi kuba nako ukubasindisa ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; abayi kwanelisa umphefumlo wabo, bazalise izisu zabo ngokuba sisono sabo eso.