UHEZEKILE 7:4 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 7:4 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kukuzisela iindlela zakho, abe sesazulwini sakho amasikizi akho; názi ukuba ndinguYehova.

UHEZEKILE 7:4 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Andiyi kuba naluvelwano, ndingayi kuba nayo nenceba, koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho, uchanwe ngamanyundululu akho. Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.

UHEZEKILE 7:4 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Iliso lam aliyi kuba nosizi ngakuwe, andiyi kuba nenceba kanjalo; koko imikwa yako ndiya kuyibeka pezu kwako, nezinto zako ezibuntshontsho zoba pakati kwako; naniya kukwazi okokuba mna ndi NGUYEHOVA.

UHEZEKILE 7:4 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kuzibuyisela phezu kwakho iindlela zakho, abe phakathi kwakho amasikizi akho; nazi ukuba ndinguYehova.