UHEZEKILE 8:12 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 8:12 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wathi kum, Nyana womntu, ukubonile na akwenzayo emnyameni amadoda amakhulu endlu kaSirayeli, iyileyo ezingontsini zayo ezinemifanekiso? ngokuba esithi, uYehova akasiboni, uYehova ulilahlile ilizwe.

UHEZEKILE 8:12 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Yathi kum iNkosi: “Mntundini, ukubonile okwenziwa ngamadoda amakhulu endlu kaSirayeli emnyameni? Yileyo naleyo isegumbini lesithixo sayo. Athi: ‘UNdikhoyo akasiboni; uNdikhoyo ulilahlile eli lizwe.’ ”

UHEZEKILE 8:12 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Waza wati kum: Ubonile na, nyana woluntu! oko abadala bendlu ka‐Sirayeli bakwenzayo ebumnyameni, abanye ngabanye ezinkambilini zobufanekiso babo? ngokuba besiti: UYEHOVA akasiboni; UYEHOVA ulishiyile ilizwe.

UHEZEKILE 8:12 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wathi ke kum, Nyana womntu, ukubonile na akwenzayo emnyameni amadoda amakhulu endlu kaSirayeli, iyileyo egumbini layo lokuphumla? ngokuba besithi, uYehova akasiboni; uYehova uwushiyile umhlaba.