Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UEZRA 1:1 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UEZRA 1:1 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ke kaloku ngowokuqala umnyaka kaKoreshi, ukumkani wasePersi, ukuze kuzaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawuxhokonxa umoya kaKoreshi, ukumkani wasePersi; wahambisa izwi ebukumkanini bakhe bonke, walibhala, esithi

UEZRA 1:1 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ngonyaka wokuqala kakumkani uKoreshi wasePeshiya, ukuzalisekisa amazwi awawathetha ngomlomo kaJeremiya, *uNdikhoyo wawuxhokonxa umoya kakumkani uKoreshi wasePeshiya, waza wawisa umthetho kuwo wonke ummandla wakhe, wayalela ukuba ubhalwe, kusithiwa

UEZRA 1:1 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

KEKALOKU ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, ukuze kufezwe ilizwi LIKAYEHOVA ngomlomo ka‐Jeremiya, wawuvusa UYEHOVA umoya ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, ukuba walidlulisa ilizwi kubo bonke ubukumkani bake, esenje njalo nangesiba̔lo kanjako, esiti

UEZRA 1:1 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ngomnyaka wokuqala kaKoreshi, ukumkani wasePersi, ekuzalisekeni kwelizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawunyusa umoya kaKoreshi ukumkani wasePersi, ukuba atsho, ekumiselweni kwakhe bonke ubukumkani bakhe kwaye ngokubhala, esithi