Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UEZRA 3:11 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UEZRA 3:11 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Basusela ngokudumisa, nangokubulela kuYehova, besithi, Úlungile, inceba yakhe ingunaphakade kuSirayeli; ke bonke abantu baduma ngodumo olukhulu, bedumisa uYehova ngenxa yokusekwa kwendlu kaYehova.

UEZRA 3:11 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Bantyiloza bebonga bedumisa uNdikhoyo, besithi: “Hayi kambe ukulunga kwakhe! Izibele zakhe kuSirayeli zimi ngonaphakade.” Bonke ke abantu bahlokoma ngentswahla, bekhahlela kuNdikhoyo ngenxa yokumiswa kweziseko zendlu kaNdikhoyo.

UEZRA 3:11 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Baza bahlabelelana ekumdumiseni nasekumbuleleni UYEHOVA, besiti: Ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade pezu kwo‐Sirayeli. Bati abantu bonke bamemeza ngesimemezo esikulu, ekumdumiseni UYEHOVA, ngenxa yokusekwa kwayo indlu KAYEHOVA.

UEZRA 3:11 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Bavuma kunye bezohlwaya, bezohlwaya kuYehova; ngokuba elungile, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe kuSirayeli. Lwaduma ngodumo olukhulu lonke uhlanga, ekumdumiseni kwabo uYehova, ngenxa yokuba iziseko zendlu kaYehova zisekiwe.