Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UEZRA 5:11 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UEZRA 5:11 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Enjenje ke ukusibuyisela impendulo, athi, Singabàkhe, singabakhonzi bakaThixo wamazulu nehlabathi. Sakha le ndlu yakhiwáyo iminyaka emininzi eyadlulayo, yakhiwa yafezwa ngukumkani omkhulu wakwaSirayeli.

UEZRA 5:11 XHO96 (IBHAYIBHILE)

“Aphendula ngolu hlobo ke, athi: “ ‘Thina sizizicaka zikaThixo wezulu nehlabathi. Ngoku ke sivusa indlu eyayakhiwe kwiminyaka yamandulo – yayakhiwe yagqitywa yingangalala yokumkani wakwaSirayeli.

UEZRA 5:11 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Benje nje ukusipendula kwabo, besiti: Sizizicaka zake UTIXO wezulu nomhlaba, siyayaka leyondlu ibe yakiwe kuse kuyiminyaka mininzi, owati ukumkani omkulu wo‐Sirayeli wayaka wayifeza.

UEZRA 5:11 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Basiphendula, bathi, Singabakhonzi bakaThixo wezulu nomhlaba; sakha indlu eyayakhiwe kwiminyaka emininzi eyadlulayo, awayakhayo ukumkani omkhulu wakwaSirayeli.