UEZRA 6:22 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UEZRA 6:22 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benza umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla yasixhenxe bevuyile; ngokuba uYehova ebebavuyisile ngokuyibuyisela kubo intliziyo yokumkani waseAsiriya, ukuze izandla zabo zomelezwe emsebenzini wendlu kaThixo, uThixo kaSirayeli.
UEZRA 6:22 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaba ziintsuku ezisixhenxe belibhiyozela ngemihlali iTheko leSonka esingaNyuswanga. Kaloku uNdikhoyo wayebathe jize ngovuyo ngokuguqula iimbono zokumkani waseAsiriya, ukuze abancedise kumsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo, uThixo kaSirayeli.
UEZRA 6:22 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
lwabamba umtendeleko wezonka ezingenagwele imihla esixe̔nxe ngovuyo: ngokuba UYEHOVA ebeluvuyisile, wayisonga intliziyo yokumkani we‐Asiriya ngakulo, kuze kwomelezwe izandla zalo emsebenzini wendlu KATIXO, UTIXO wo‐Sirayeli.
UEZRA 6:22 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Benza umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla yasixhenxe bevuyile, ngokuba uYehova ebebavuyisile, wabanika intliziyo yokumkani waseAsiriya, ukuze izandla zabo zomelezwe emsebenzini wendlu kaThixo kaSirayeli, uThixo kaSirayeli.