Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UEZRA 8:22-23 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UEZRA 8:22-23 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngokuba ndandineentloni ukuba ndicele impi nabamahashe kukumkani, ukuba basincede ezintshabeni endleleni; ngokuba besesithe kukumkani, Isandla sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abamfunayo, ukuba kulunge; namandla akhe nomsindo wakhe uyabachasa bonke abamshiyayo. Sazila ukudla ke, samkhunga ngenxa yoko uThixo wethu, wathandazeka sithi.

UEZRA 8:22-23 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Kambe ke ndaba neentloni ukucela ukuba ukumkani asinike amajoni nabakhweli-mahashe ukuze asikhusele ezintshabeni zendlela; kaloku apho kukumkani sasithe: “Isandla esikulunga sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abakhangela kuye ukuze balungelwe; ke wona amandla akhe nengqumbo yakhe iyabachasa bonke abo bamlahlayo.” Ngoko ke sazila sakhunga kuThixo wethu ngalo mbandela, waza wawuphendula umthandazo wethu.

UEZRA 8:22-23 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngokuba bendidanele ukucela kukumkani umkosi nabakweli bamahashe, ukuya kusinceda ngakuzo intshaba endleleni; ngokokuba sibe sitshilo kuye ukumkani, sisiti: Isandla SOTIXO wetu sipezu kwabo bonke abamfunayo kube kokulungileyo; kodwa amandla ake nomsindo wake upezu kwabo bonke abamshiyayo. Kwa njalo sazila ukutya, sabuza KUTIXO wetu ngenxa yoku; wayekungeleka kuti.

UEZRA 8:22-23 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Kuba ndandineentloni ukucela kukumkani iqela lamajoni nabakhweli-mahashe ukuba basincede silwe neentshaba endleleni, ngenxa yokuba sathetha nokumkani sathi: “Isandla soThixo wethu silungile kubo bonke abo bamfunayo ke amandla akhe nomsindo wakhe uphezu kwabo bonke ababuyayo kuye. Ngoko sazila ukutya saza sambongoza uThixo wethu ngenxa yoku, waza wasibongoza.