Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UEZRA 9:15 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UEZRA 9:15 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Yehova, Thixo kaSirayeli, ùlilungisa, ngokuba sisele singabasindileyo, njengoko kunjalo namhla. Uyabona, siphambi kwakho, sinalo ityala lethu, ngokuba akukho unokuma phambi kwakho ngenxa yoko.

UEZRA 9:15 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ewe, wena Ndikhoyo Thixo kaSirayeli, ulunge kwaphela! Namhlanje thina sinawo amasalela. Nakuba sinobutyala sinjalo, kodwa silapha. Phofu ngenxa yeli tyala lethu akukho namnye kuthi ungemayo phambi kwakho.”

UEZRA 9:15 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

YEHOVA, TIXO wo‐Sirayeli! ulungile wena; ngokuba sisele sisindile, njengokuba kunjalo namhla nje: bona ke, sipambi kwako etyaleni letu; ngokuba singenakuma pambi kwako ngenxa yoku.

UEZRA 9:15 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Yehova, Thixo kaSirayeli, ulilungisa, ngokuba sisesindile, njengoko kunjalo namhla; yabona, sisecaleni kwakho ebugwenxeni bethu, ngenxa yoko asinakuma phambi kwakho.