UEZRA 9:8 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UEZRA 9:8 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Kaloku, ngokwephanyazo elincinane, kukho ubabalo oluvela kuYehova uThixo wethu, lokusishiyela abasindileyo, asinike isikhonkwane endaweni yengcwele yakhe, ukuze uThixo wethu awakhanyisele amehlo ethu, asisindise kancinane ebukhobokeni bethu.

UEZRA 9:8 XHO96 (IBHAYIBHILE)

“Kodwa ke ngoku okwalo mzuzu, wena Ndikhoyo Thixo wethu, usibabale ngokusishiyela amasalela, wasizinzisa nakule ndawo ingcwele. Ewe, Thixo wethu, usenzele umnyinyiva nebuya-mbo ekuthinjweni.

UEZRA 9:8 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kodwa kaloku ngexanyana elincinanana ufefe luvele KUYEHOVA, UTIXO wetu, ukuba sishiyelwe abasindileyo, nokuba sinikwe isikonkwane endaweni yake eyingcwele, ukuze UTIXO wetu akanyise amehlo etu, asinike impiliso encinane ebukonzini betu.

UEZRA 9:8 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Kaloku, ngoku, uYehova uThixo wethu, okwethutyana, uya kusihawukela ngokusishiyela abasindileyo, wasishiyela isikhonkwane engcweleni yakhe, ukuze uThixo wethu awakhanyisele amehlo ethu, awaphumze.