UEZRA 9:9 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UEZRA 9:9 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngokuba singamakhoboka; ke ebukhobokeni bethu akasishiyanga uThixo wethu; usithobele inceba phambi kookumkani basePersi, basisindisa, ukuba siphakamise indlu yoThixo wethu, silungise inxuwa layo, basibiyele uthango kwaYuda, naseYerusalem.

UEZRA 9:9 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Nangona singamakhoboka, wena Thixo wethu akusilahlanga ekuthinjweni. Izikumkani zasePeshiya uzenze zanobubele kuthi. Usithe jize ngebuya-mbo lokuba sivuse indlu kaThixo wethu, siwavuse namabhodlo, waza ke wasikhusela thina bakwaJuda naseJerusalem.

UEZRA 9:9 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngokuba singabakonzi tina; kodwa ebukonzini betu UTIXO wetu akasishiyanga; utobele pezu kwetu ububele ebusweni bokumkani be‐Peresiya, ukuba asinike impiliso, siyipakamise indlu KATIXO wetu, sizimise ingcitakalo zayo, nokuba asinike utango kwa‐Juda nase‐Yerusaleme.

UEZRA 9:9 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Kuba besingamakhoboka; Noko ke, uThixo wethu akasishiyanga ebukhobokeni bethu; wesuka wasenzela inceba phambi kookumkani bamaPersi, wasinika umphefumlo, ukuba siyakhe indlu yoThixo wethu, siwalungise amanxuwa ayo, asinikele udonga lokungqinga ilizwe lakwaYuda, iYerusalem.