KUMAGALATI 2:20
KUMAGALATI 2:20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndìbethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.
KUMAGALATI 2:20 IBHAYIBHILE (XHO96)
ngoko ke ayisendim ophilayo, nguKrestu ophilayo kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku ndimanywe noNyana kaThixo, ndibudla ngokholo kulowo wandithandayo, wabuncama obakhe ubomi ngenxa yam.
KUMAGALATI 2:20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ingendim, ke nguKristu oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.
KUMAGALATI 2:20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndikuruseshiwe kunye no‐Kristu: akusendim ke mna obudlayo ubomi, kodwa u‐Kristu uyabudla ubomi kum; nobomi endibudlayo ngoku enyameni, ndiyabudla elukolweni, kolwonyana KATIXO, owanditandayo, waza wazinikela ngenxa yam.