KUMAGALATI 5:19-21
KUMAGALATI 5:19-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyilé: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo
KUMAGALATI 5:19-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu; unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano; umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
KUMAGALATI 5:19-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile; uhenyuzo, ukungcola, uburheletya, Unqulo-zithixo, ubugqwirha, intiyo, amayelenqe, ingqumbo, iinkani, iinkani, amayelenqe, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
KUMAGALATI 5:19-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku imisebenzi yenyama iyabonakala, eyiyo enje: uṙexezo, umbulo, ubunco̔la, ubutshinitshini, inkonzo yezitixo, ukutakata, ubutshaba, amapike, inzondelano, imisindo, inkani, imbambaniso, izahlukano, umona, izibulalo, ukunxila, imihlali yobusuku, nezinto ezinjengezi; enditi pambili ngazo kuni, kwa njengokuba ndise nditshilo kanjako, abo bazenzayo izinto ezinjalo abayi kulidla ilifa lobukumkani BUKATIXO.