KUMAGALATI 5:24-26 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
KUMAGALATI 5:24-26 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo. Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya. Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.
KUMAGALATI 5:24-26 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abo ke bamanywe noKrestu uYesu basibhangisile isimo esidala kunye neminqweno neenkanuko zaso. Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke. Masingazigwagwisi, sicaphukisana, simonelana.
KUMAGALATI 5:24-26 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bate kekaloku abaka‐Kristu inyama bayikurusesha kunye nemilo yayo nenkanuko zayo. Ukuba siyabudla ubomi NGOMOYA, masiti kanjalo sihambe NGOMOYA. Masingabi ngabazidlayo, sitelekisana, sinomona omnye kwomnye.
KUMAGALATI 5:24-26 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo. Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya. Masingafuni luzuko olulambathayo, sicaphukisana, simonelana.