IGENESIS 24:3-4
IGENESIS 24:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndifuna ufunge phambi kukaNdikhoyo uThixo wezulu nomhlaba ukuba akusayi kumfunela umfazi unyana wam apha kwezi ntombi zaseKanana. Kufuneka uye kwilizwe lakowethu, apho ikhoyo inkaba yam. Kulapho uya kumfunela khona umfazi uIsake, phakathi kwezizalwane zam.”
IGENESIS 24:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ndikufùngise uYehova uThixo wamazulu, uThixo wehlabathi, ukuba akuyi kumzekela unyana wam umfazi ezintombini zamaKanan, endihleli phakathi kwawo; ukuba wòya ezweni lakowethu, nakwelokuzalwa kwam, umzekele unyana wam uIsake umfazi.
IGENESIS 24:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndiza kukufungela ngoYehova uTHIXO wezulu noThixo womhlaba ukuba akuyi kumthabathela kuye nawuphi na umfazi unyana wam kwiintombi zamaKanan endihlala phakathi kwazo. Kodwa hamba uye ezweni lakowethu, umzekele unyana wam uIsake umfazi.
IGENESIS 24:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ndize ndikufungise UYEHOVA, UTIXO wezulu, NOTIXO womhlaba, okokuba akuyi kumtabatela unyana wam umfazi ezintombini zaba‐Kanane, endihleli mna pakati kwabo: koko uya kuya elizweni lakowetu, nakuso isalamane sam, umtabatele unyana wam, u‐Yisake, umfazi.