IGENESIS 27:28-29
IGENESIS 27:28-29 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wanga ke uThixo angakugalela ngombethe, nomhlaba wakho uchume ube linqatha, uvelise nentabalala yengqolowa newayini. Unga ungabuswa zizizwe, neentlanga zikhahlele kuwe. Yiba yinkosi kubantakwenu, ukhonzwe nangabantwana bakanyoko. Mabaqalekiswe abo bakuqalekisayo, basikelelwe abo bakusikelelayo.”
IGENESIS 27:28-29 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngako oko uThixo wakunika umbethe wezulu, nentabalala yehlabathi, nentabalala yengqolowa, newayini entsha. Mazikukhonze izizwe, ziqubude kuwe iintlanga; balawule abazalwana bakho, baqubude kuwe oonyana bakanyoko; Uqalekisiwe okuqalekisayo, Makabongwe okusikelelayo.
IGENESIS 27:28-29 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
wanga UTIXO akunike kuwo umbete wezulu, nakuko ukutyeba kwomhlaba, nento eninzi yenqolowa neveyine: abantu mabakonze kuwe, nezizwe mazitobe pantsi pambi kwako: yiba yinkosi pezu kwabazalwana bako, nonyana bonyoko mabatobe pantsi kuwe: lowo okuqalekisayo, makaqalekiswe yena; nalowo okutamsanqelayo, makatanyusanqelwe naye!
IGENESIS 27:28-29 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngamana uThixo wakunika kuwo umbethe wezulu, Nakuko ukuchuma komhlaba, Nentabalala yengqolowa, newayini entsha; Izizwe mazikukhonze, Izizwe ziqubude kuwe. Yiba yinkosi kubazalwana bakho, Baqubude kuwe oonyana bakanyoko; Úqalekisiwe okuqalekisayo, Úsikelelwe okusikelelayo.