IGENESIS 27:39-40
IGENESIS 27:39-40 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waphendula uIsake uyise, wathi kuye, Yabona, ikhaya lakho liya kuba lintabalala, nombethe wezulu phezulu. Uya kuphila ngekrele lakho, umkhonze umninawa wakho; ukuba uthe walawula, woyaphula idyokhwe yakhe entanyeni yakho.
IGENESIS 27:39-40 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wabuya wapendula u‐Yisake uyise wati kuye: Bona ke, kwa sekutyebeni kwomhlaba kwoba yindawo yokuhlala kwako, nasembeteni wezulu uvela pezulu: ngesiṙele sako uya kupila, nomninawe wako uya kumkonza; kanti kuya kuti, nxa unobukosi, uya kwandula ushunqule iyokwe yake entanyeni yako.
IGENESIS 27:39-40 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waphendula uIsake uyise, wathi kuye, Yabona, ikhaya lakho liya kuba lee nokuchuma komhlaba, Lee nombethe wezulu ovela phezulu. Ùya kuphila ngekrele lakho, umkhonze umninawa wakho; Kuthi wakudlokova, Uyàphule idyokhwe yakhe, isuke entanyeni yakho.
IGENESIS 27:39-40 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wahlabeka uyise, wenjenje: “Wena uya kuba kude lee nenqatha lokuchuma komhlaba; uya kuba kude lee kumbethe ovuza ezulwini. Uya kuphila ngekrele uphantsi komninawa wakho; kambe ke liya kufika ithuba apho uya kudinwa khona, uyaphule loo dyokhwe yakhe isentanyeni yakho.”