IGENESIS 35:11-12
IGENESIS 35:11-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uThixo kuye, NdinguThixo, uSomandla; nande nande; kuya kuphuma kuwe iintlanga neentlanga, nookumkani baphume esinqeni sakho; Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndiza kulinika wena, ndilinike imbewu yakho emva kwakho.
IGENESIS 35:11-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wati UTIXO kuye: Mna ndi NGUTIXO onamandla onke; cuma, wande nokwanda; isizwe, kwa nomhlambi wezizwe uya kuvela kuwe, nokumkani baya kupuma esinqeni sako; nelilizwe endalinika ku‐Abrahame naku‐Yisake, ndolinika kuwe; nenzalo yako emva kwako ndiya kunika elilizwe nakuyo.
IGENESIS 35:11-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande; uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho. Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndiliniké wena; ndiliniké imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo.
IGENESIS 35:11-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wabuya wathi uThixo: “Mna ndinguThixo uSomandla. Ndithi chuma wande. Uya kuba nguyise wesizwe – nditsho izizwe ngezizwe – ube ngukhokho weekumkani. Umhlaba endawunika uAbraham noIsake ndiwunika wena kunye nabazukulwana bakho emva kwakho.”