IGENESIS 39:20-21
IGENESIS 39:20-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Inkosi kaYosefu yamthabatha, yamfaka entolongweni, kuloo ndawo apho amakhonkxwa okumkani abekhonkxwa khona, waba sentolongweni apho ke. UYehova ubenoYosefu, wamthobela inceba, wenza ukuba athandwe ngumphathi wentolongo.
IGENESIS 39:20-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
wathi uJosefu makabanjwe, avalelwe entolongweni ekwakuvalelwa kuyo amabanjwa kakumkani. Wahlala apho. Kodwa nalapho uNdikhoyo waba ngakuJosefu, wamthamsanqelisa, watsho wathandwa ngujela.
IGENESIS 39:20-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ukumkani kaYosefu wamthabatha, wamfaka entolongweni, endaweni abekhonkxwa kuyo amabanjwa okumkani; waye entolongweni apho. uYehova waba naye uYosefu, waba nemfesane kuye, waba nemfesane kuye emehlweni omgcini-ntolongo.
IGENESIS 39:20-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Yaza inkosi ka‐Josefe yamtabata, yamfaka entolongweni, endaweni ababanjwa bokumkani babebanjelwe kuyo: wayekona ke entolongweni apo. Kuloko UYEHOVA ebenaye u‐Josefe, wamjikisela ububele, wamnika ufefe emehlweni ake umpati wentolongo.