IGENESIS 49:7 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

IGENESIS 49:7 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu: Ukuphuphuma kwabo umsindo, ngokuba unzima. Ndiya kubachithachitha kwaYakobi, Ndibaphangalalise kwaSirayeli.

IGENESIS 49:7 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Linelishw' iphuku labo, kuba liyankwantyisa; unelishw' umsindo wabo, kub' ukhohlakele. Bona ndobabhacisa kulo lonke elakwaYakobi, babe ziintsalu kwelakwaSirayeli.

IGENESIS 49:7 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Mauqalekiswe ingqumbo yabo, ngokuba ibujoṙa; kwa nomsindo wabo, ngokuba ulukuni: ndiya kubahlulahlula kwa‐Yakobi, ndibati sa kwa‐Sirayeli.

IGENESIS 49:7 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu: nomsindo wabo, ngenxa yokuba wawukhohlakele: Ndiya kubahlula kwaYakobi ndize ndibachithachithe kwaSirayeli.