IGENESIS 6:1-22
IGENESIS 6:1-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuthe bakuqala ukwanda abantu ehlabathini, bakuzalelwa iintombi, bazibona oonyana bakaThixo iintombi zabantu ukuba zintle, bazeka abafazi kuzo zonke abazinyuláyo. Wathi uYehova, UMoya wam akayi kulawula ebantwini ngonaphakade; ekulahlekeni kwabo bayinyama; imihla yabo iya kuba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini. Kwakukho iingxilimbela ehlabathini ngaloo mihla; kananjalo emveni koko, xeshikweni oonyana bakaThixo bangenáyo kuzo iintombi zabantu, zabazalela abantwana. Aba baba ngamagorha ababekho kwasephakadeni, amadoda adumileyo. Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini, konke ukuyila kweengcinga zentliziyo yabo kubububi bodwa imihla yonke. Wazohlwaya uYehova, ngokuba emenzile umntu ehlabathini, kwaba buhlungu kuye entliziyweni. Wathi uYehova, Ndiya kumcima umntu endimdalileyo, angabikho ehlabathini, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kuse ezinambuzaneni, kuse ezintakeni zezulu, ngokuba ndizohlwaya ngokuba ndizenzile ezo zinto. UNowa yena wababalwa nguYehova. Yiyo le ke inzala kaNowa. UNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. UNowa wahamba noThixo. UNowa wazala oonyana abathathu: uShem noHam noYafete. Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo. UThixo walikhangela ihlabathi, nâlo, lonakele! Ngokuba yonke inyama ibiyonakalisile indlela yayo ehlabathini. Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonákalisa, bona ndawonye nehlabathi. Zénzele ke umkhombe ngemithi yegofere,• uwenze izindlu umkhombe, uwuqabe ngaphakathi nangaphandle ngebhitumene.• Wénjenje ukuwenza: bube ngamakhulu omathathu eekubhite• ubude bomkhombe, namashumi omathathu eekubhite ububanzi bawo, namashumi omathathu eekubhite ukuphakama kwawo. Wenze ikroba emkhombeni, ukuligqiba kwakho kube yikubhite enye, ithabathela phezulu; umnyango womkhombe uwumise ecaleni lawo; wenze izindlu zodidi lwaphantsi, nolwesibini, nolwesithathu. Mna ke, ùyabona, ndihlisa unogumbe wamanzi ehlabathini, wokonakalisa yonke inyama enomoya wokuphila kuyo, ephantsi kwamazulu; konke okusehlabathini kuya kuphuma umphefumlo; ndíwumise umnqophiso wam nawe, ungene emkhombeni wena, noonyana bakho, nomkakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe. Kwizinto zonke eziphilileyo, kwinyama yonke, uze ungenise emkhombeni ngambini kuzo zonke, ukuze zisindiswe nawe, ibe yinkunzi nemazi; kwiintaka ngohlobo lwazo, kwiinkomo ngohlobo lwazo, kuzo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo, zibe ngambini kuzo zonke, eziya kungena kuwe, ukuba zisindiswe. Wena ke, uthabathele kuwe ekudleni konke okudliwayo, uhlanganisele kuwe kube kukudla kuwe nakuzo. Wenza uNowa konke uThixo abemwisele umthetho ngako, wenza njengoko.
IGENESIS 6:1-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
Lwakuba lwandile uluntu, luthe saa elizweni, kuzelwe namantombazana, oonyana bakaThixo baphandlwa bubuhle beentombi zabantu, bazikhethela abafazi kuzo ngokuzithandela. Ngoko ke *uNdikhoyo wathi: “Andisayi kubayeka babe zizimakade abantu. Kaloku bangabantu abafayo. Ukususela ngoku abayi kuhlala ngaphezu kwekhulu elinamashumi amabini eminyaka.” Ngezo mini, ukanti nangasemva koko, kwakukho iingxilimbela zabafo elizweni ababezalwa ziintombi zabantu noonyana bakaThixo. Yayingamakroti neendwalutho zamandulo ezo. Uthe ke uNdikhoyo akukuphawula ukuba ngamatshijolo kwabantu elizweni, nokuthi rhoqo kwabo ukuyila ububi, weva into embi ngenxa yokuba wabadala wababeka elizweni. Wathi: “Ndiza kubacima kuphele, bangabikho konke emhlabeni abantu endibadalileyo. Nditsho nkqu neenyamakazi, neentaka, kuba ndiyazisola ngento endabadalela yona.” Kodwa uNowa wamkeleka kuNdikhoyo. Nanga amagqabantshintshi ngoNowa. Lo Nowa wayelilunga lomfo. Kwakungekho siphene kuye phakathi kwabantu bemihla yakhe. Wayehlala enobudlelane noThixo. UNowa wayenoonyana abathathu: uShem, noHam, noYafete. Lonke uluntu lwalonakele phambi koThixo. Abantu babeziindlobongela zezijama-nkungwini ezigqibe lonke ilizwe. Walibona lonakele ilizwe uThixo, kuba abantu babeziphethe kakubi. Wathi ke uThixo kuNowa: “Ndifikelele ekubeni ndilubhangise lonke uluntu. Ndiza kulutshabalalisa luphele tu, kuba ilizwe lizele zizenzo zobundlobongela. Wena zenzele inqanawa ngamaplanga, ibe namagumbi, uyiqabe itha ngaphandle nangaphakathi. Uzuyenze ibe likhulu leemitha namashumi mathathu anantathu ubude, ibe ngamashumi mabini anambini eemitha ububanzi, zibe lishumi elinesithathu iimitha ukuphakama. Uzuyifake uphahla inqanawa, ushiye isithuba esingamashumi amane anane eesentimitha sibe phakathi kophahla namacala eendonga zenqanawa. Yenze ibe nemigangatho emithathu, ibe nomnyango ecaleni. Ndiza kuthumela izantyala-ntyala zemvula elizweni, zibhubhise yonke into ephilayo. Kuza kufa yonke into, kodwa wena ndiza kukwenzela umnqophiso. Ngena enqanaweni nomkakho kunye noonyana bakho nabafazi babo, ungenise enqanaweni inkunzi nemazi kwiindidi zonke zezilwanyana neentaka, zona eziya kuza kuwe ukuze zisinde. Uze uphathe iindidi zonke zokutya kwabantu nezilo.” Wayenza yonke loo nto wayixelelwa nguThixo uNowa.
IGENESIS 6:1-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuthe bakuqala ukwanda abantu ehlabathini, kwazalwa iintombi. Oonyana bakaThixo babona iintombi zabantu ukuba zizithande; bazizekela abafazi kubo bonke ababanyulayo. Wathi uYehova, Umoya wam awusayi kuhlala usebenza emntwini, ngokuba eyinyama; imihla yakhe iya kuba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini. Ngaloo mihla bekukho iingxilimbela ehlabathini; Emveni koko, xeshikweni oonyana bakaThixo bangenayo kuzo iintombi zabantu, zabazalela oonyana, zaba ngamagorha amandulo, amadoda anegama. Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini, zonke iingcamango zentliziyo yabo zibububi bodwa. Wazohlwaya uYehova ngenxa yokuba emenzile umntu emhlabeni, waba buhlungu entliziyweni yakhe. Wathi uYehova, Ndiya kumcima ehlabathini umntu endimdalileyo; umntu nesilwanyana. Nezinambuzane, neentaka zezulu; kuba ndiyaxolisa xa ndizenza. uNowa yena wababalwa nguYehova. Yiyo le ke inzala kaNowa. uNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. uNowa wahamba noThixo. uNowa wazala oonyana abathathu: uShem, noHam, noYafete. Ihlabathi lalibolile emehlweni kaThixo, yaye ihlabathi lalizele lugonyamelo. uThixo walikhangela ihlabathi, nalo, libolile; ngokuba yonke inyama ilahlile indlela yayo ehlabathini. Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kobuso bam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona, ndiya kubonakalisa, bona nehlabathi. Zenzele umkhombe ngomthi; Uze wenze amagumbi etyeyeni, uyithambise ngomthwebeba ngaphakathi nangaphandle. Nantsi indlela oya kukwenza ngayo: Ubude bomkhombe bube ngamakhulu amathathu eekubhite, ububanzi bube ngamashumi amahlanu eekubhite, ukuphakama kwawo kube ziikubhite ezimashumi mathathu. Wenze ikroba emkhombeni, ukuligqiba kwakho kube yikubhite enye, ithabathela phezulu; ulumise ucango lwetyeya ngecala; kumgangatho ophantsi, umgangatho wesibini nowesithathu kufuneka uyenze. Uyabona, ndihlisa unogumbe wamanzi ehlabathini, wokonakalisa yonke inyama enomoya wokuphila phantsi kwezulu; kwaye yonke into esemhlabeni iya kufa. Ndowumisa mna umnqophiso wam nani; ungene emkhombeni wena, noonyana bakho, nomkakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe. Kwizinto zonke eziphilileyo, kwinyama yonke, ngenisa emkhombeni ngambini kuzo zonke, ngohlobo ngalunye, ukuze zisindiswe nawe; iya kuba yindoda nomfazi. Kwiintaka ngohlobo lwazo, kwiinkomo ngohlobo lwazo, ezinambuzaneni zonke zomhlaba ngohlobo lwazo, zibe ngambini kuzo zonke, eziya kungena kuwe, ukuba zisindiswe. Thabatha konke ukudla okudliwayo, ukuqokelele; ibe kukutya kwenu nakokwabo. Wenjenjalo uNowa; njengako konke uThixo abemwisele umthetho ngako, wenjenjalo.
IGENESIS 6:1-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWAYE kute, bakuba abantu sebeqalile ukwanda pezu kwomhlaba, nokuba babezalelwe intombi, bandula onyana BAKATIXO babona intombi zabantu ukuba zintle, bazizekela abafazi kuzo zonke abaziqashayo. Waza wati UYEHOVA: U‐Moya wam akayi kumana epikisana nomntu ngonapakade, kwa sekubeni eyinyama yena; kodwa imihla yake yoba yiminyaka ibe likulu elinamashumi mabini. Yabiko imindondosholo emhlabeni ngezontsuku; nakanjako emveni kwoko, xeshekweni onyana BAKATIXO bangena kuzo intombi zabantu, zaza zazala abantwana kubo: abati bona baba ngamaṙoti abengawakudala, amadoda adumileyo. Waye UTIXO wabona ukuba inkohlakalo yabantu inkulu emhlabeni, nokuba konke ukucinga kwenkumbulo zentliziyo zabo kukohlakele kodwa imihla yonke. Waza wanosizi UYEHOVA ukuba ebenzile umntu emhlabeni, kwaye kububuhlungu kuye entliziyweni yake. Wandula wati UYEHOVA: Umntu, lowo endimdalileyo, ndiya kumcita ebusweni bomhlaba; kwa umntu, nenkomo, nesinambuzane, nentaka zezulu; ngokuba kulusizi kum ukuba ndizenzile. Kuloko u‐Nowa wafumana ufefe emehlweni KAYEHOVA. EZI zizizizukulwana zika‐Nowa. U‐Nowa ebeyindoda elungileyo, efezekile ezizukulwaneni zake: wahamba NOTIXO u‐Nowa lowo. Wayezala u‐Nowa onyana babatatu, u‐Sheme, u‐Hame, no‐Jafete. Waube umhlaba wonakele ebusweni BUKATIXO; wabuzele umhlaba bubudlwengu. Waza UTIXO wakangela umhlaba; bona ke, wawonakele; ngokuba uluntu lonke lube lwonakalisile indlela yalo pezu kwomhlaba. Ngako wati UTIXO ku‐Nowa: Ukupela kwoluntu lonke kufikile pambi kwam; ngokuba umhlaba uzele bubudlwengu ngalo: kanjalo, bona ke, ndiya kulutshabalalisa kunye nomhlaba. Zenzele wena inqanawa ngemiti yego?-?iere; izindlu uya kuzenza enqanaweni, uze uyiqabe pakati nangapandle ngetywina. Kungokunje uya kuyenza: Zoba zikubite ezingamakulu matatu ubude benqanawa, nekubite ezingamashumi mahlanu ububanzi bayo, nekubite ezingamashumi matatu ubupakamo bayo. Ifenstile uya kuyenzela inqanawa leyo: kungekubite inye uya kuyigqiba pezulu; nocango lwenqanawa uya kulubeka ecaleni layo; uya kuyenza ineyasezantsi, neyesibini, neyesitatu indawo. Ngokuba mna, bona ke, ndiza kwa mna ukuzisa umsingakazi wamanzi pezu kwomhlaba, kuze kutshatyalaliswe inyama yonke, ekukuyo umpefumlo wobomi, kwa pantsi kwezulu; konke okusemhlabeni kuya kububa. Ndiya kumisa kodwa ucebano lwam nawe; wauya kungena enqanaweni wena, nonyana bako, nomfazi wako, nabafazi bonyana bako kunye nawe. Nakuzo zonke izinto ezinokudliwa kwobomi, kwinyama yonke, uya kungenisa ngambini kuzo zonke intlobo, zize zipiliswe kuwe: yoba yinkunzi nemazi. Kwintaka ngemmilo yazo, nakwinkomo ngemmilo yazo, nakuzo zonke izinambuzane zomhlaba ngemmilo yazo, kwoba zimbini kuzo zonke ngezinye eziya kungena kuwe, ukuba kupiliswe. Uze wena uzitabatele kuko konke ukutya okutyiwayo, ukubutele kuwe; kwakuya kuba kukutya kuwe nakuzo. Wenje njalo u‐Nowa; njengoko konke abemyalele ngako UTIXO, wenza kwa ngokunjalo.