IGENESIS 6:1-4
IGENESIS 6:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuthe bakuqala ukwanda abantu ehlabathini, bakuzalelwa iintombi, bazibona oonyana bakaThixo iintombi zabantu ukuba zintle, bazeka abafazi kuzo zonke abazinyuláyo. Wathi uYehova, UMoya wam akayi kulawula ebantwini ngonaphakade; ekulahlekeni kwabo bayinyama; imihla yabo iya kuba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini. Kwakukho iingxilimbela ehlabathini ngaloo mihla; kananjalo emveni koko, xeshikweni oonyana bakaThixo bangenáyo kuzo iintombi zabantu, zabazalela abantwana. Aba baba ngamagorha ababekho kwasephakadeni, amadoda adumileyo.
IGENESIS 6:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Lwakuba lwandile uluntu, luthe saa elizweni, kuzelwe namantombazana, oonyana bakaThixo baphandlwa bubuhle beentombi zabantu, bazikhethela abafazi kuzo ngokuzithandela. Ngoko ke *uNdikhoyo wathi: “Andisayi kubayeka babe zizimakade abantu. Kaloku bangabantu abafayo. Ukususela ngoku abayi kuhlala ngaphezu kwekhulu elinamashumi amabini eminyaka.” Ngezo mini, ukanti nangasemva koko, kwakukho iingxilimbela zabafo elizweni ababezalwa ziintombi zabantu noonyana bakaThixo. Yayingamakroti neendwalutho zamandulo ezo.
IGENESIS 6:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuthe bakuqala ukwanda abantu ehlabathini, kwazalwa iintombi. Oonyana bakaThixo babona iintombi zabantu ukuba zizithande; bazizekela abafazi kubo bonke ababanyulayo. Wathi uYehova, Umoya wam awusayi kuhlala usebenza emntwini, ngokuba eyinyama; imihla yakhe iya kuba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini. Ngaloo mihla bekukho iingxilimbela ehlabathini; Emveni koko, xeshikweni oonyana bakaThixo bangenayo kuzo iintombi zabantu, zabazalela oonyana, zaba ngamagorha amandulo, amadoda anegama.
IGENESIS 6:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWAYE kute, bakuba abantu sebeqalile ukwanda pezu kwomhlaba, nokuba babezalelwe intombi, bandula onyana BAKATIXO babona intombi zabantu ukuba zintle, bazizekela abafazi kuzo zonke abaziqashayo. Waza wati UYEHOVA: U‐Moya wam akayi kumana epikisana nomntu ngonapakade, kwa sekubeni eyinyama yena; kodwa imihla yake yoba yiminyaka ibe likulu elinamashumi mabini. Yabiko imindondosholo emhlabeni ngezontsuku; nakanjako emveni kwoko, xeshekweni onyana BAKATIXO bangena kuzo intombi zabantu, zaza zazala abantwana kubo: abati bona baba ngamaṙoti abengawakudala, amadoda adumileyo.