UHABHAKUKI 1:1-4
UHABHAKUKI 1:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Isihlabo awasibonayo uHabhakuki umprofeti. Kunini na, Yehova, ndizibika, ungeva; ndikhala kuwe ndisithi, Ugonyamelo, ungàsindisi? Yini na ukuba undikhangelise ubutshinga, ukondele okubi? Yimbuqo nogonyamelo phambi kwam; kukho ubambano, kuphakamé ingxabano. Ngenxa yoko úyekelelwe umyalelo, ukuze kungaveli naphakade okusesikweni; kuba abangendawo bayawarhawula amalungisa; ngenxa yoko okusesikweni kuphuma kujikekile.
UHABHAKUKI 1:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nalu udaba olundilisekileyo olwatyhilelwa *umshumayeli uHabhakuki. Koda kube nini na, *Ndikhoyo, ndidanduluka ndisithi: “Nceda!” ube wena uthe cwaka? Koda kube nini na ndizibika kuwe ndisithi: “Ugonyamelo!” ube wena ungahlanguli? Yini na ukuba undibonise inkohlakalo? Ngani ukuba ujongane nobugwenxa? Naku sendiphahlwe yimbubho nogonyamelo; imbambano nesidube-dube zixananazile. Okwakungumthetho sekuyingxwelerha; ke bona ubulungisa abuvakali ndawo. Izikhohlakali zidobelel' amalungisa; ke bona ubulungisa buyagqwethwa.
UHABHAKUKI 1:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ilizwi awalibonayo umprofeti uHabhakuki. Kunini na, Yehova, ndibiza, ungandiva; ndibize ngogonyamelo, ungahlanguli; Yini na ukuba ubuxele ubugwenxa bam, undikhangelise? kuba phambi kwam ukubhuqa nogonyamelo luphambi kwam; Ke ngoko, umthetho awusalindelwe, nomgwebo awupheli; ngokuba abangendawo bawaxinzelele phantsi amalungisa; ke ngoko ukugwetywa okungalunganga kuyaqhubeka.
UHABHAKUKI 1:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UMGWEBO owawubonayo u‐Habakuke umprofite. Kwoba kade kangakananina ndidanduluka, YEHOVA! ungeva wena; ndikala kuwe ngenxa yobudlwengu, ungasindisi wena? Kunganina ukuba undibonise inkohlakalo, uti wena ukangele ububi? ngokuba ukubada nobudlwengu bupambi kwam; kuko ipike kanjalo, nempikiswano iyazipakamisa. Ngako oko umteto uyapola, nobugwebo abupumi ngenyaniso: ngokuba abakohlakeleyo beṙaula abalungileyo; kukona kupuma ubugwebo obutyekisiweyo.