UHAGAYI 1:5-6
UHAGAYI 1:5-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kaloku ke, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Zigqaleni iindlela zenu. Nahlwayela kakhulu, ningenisé kancinane; niyadla, ningahluthi; nisela, ninganeli kukusela; nambatha, ningevi ntsitho; noziqeshisayo uziqeshisela ukuba agalele engxoweni enezikroba.
UHAGAYI 1:5-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Zigqaleni iindlela zenu. Nihlwayela kakhulu, kodwa nivune kancinane; ewe, niyadla, kodwa ningahluthi; niyasela, kodwa ninganeli; niyambatha, kodwa ningafudumali; niyaphangela, kodwa umvuzo wenu ube ngathi ufakwe engxoweni evuzayo.’
UHAGAYI 1:5-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Zigqaleni iindlela zenu. Nidle kakhulu, navula kancinane; niyadla, ningahluthi; niyasela, anganeli sisiselo; niyanxiba, kodwa akufudumezi; yaye lowo wamkela intlawulo uya kubaphosela etyaleni elinemingxuma.
UHAGAYI 1:5-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngako kaloku, utsho UYEHOVA wemikosi, bekelani imikwa yenu intliziyo. Nihlwayele okuninzi, kanti ningenisile okuncinane; nidlile, kanti anihlutanga; nisele, kanti anikolisile ukusela; nambete, kanti akuko ofudumeleyo; kanjalo ozuzayo umvuzo, uyawuzuzela inxowa esisibadlu.