UHAGAYI 1:8-9
UHAGAYI 1:8-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nyukani niye kweleentaba, nize nemithi, niyakhe indlu le; ndokholiswa ke yiyo, ndizizukise; utsho uYehova. Nalindela into eninzi, nantso isuke yaba yinto encinane; nithe nakùza nayo ekhaya, ndayiphephetha. Ngani ke? utsho uYehova wemikhosi; ngenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo ebalekela endlwini yakhe.
UHAGAYI 1:8-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Khaninyuke ezintabeni, nize nemithi, niyakhe indlu yam. Ndokholiswa yiyo, ndize ndizimaseke,’ utsho uNdikhoyo. ‘Benilindele lukhulu, kodwa suka nazuz' intwan' encinci! Nithe nakuza nayo ekhaya, ndayivuthela yee shwaka! Ngani ke?’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Kungenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo exakeke yeyakhe indlu.
UHAGAYI 1:8-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nyukani niye entabeni, nize nemithi, nakhe indlu; kwaye ndiya kugcoba ngayo, kwaye ndiya kundizukisa, utsho uYehova. Ulinde ixesha elide, nantso i nto incinane; nithe nakuza nayo ekhaya, ndayivuthela. Ngoba? utsho uYehova wemikhosi. Ngenxa yebhodlo lendlu yam, nibalekela endlwini yenu nonke.
UHAGAYI 1:8-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nyukani intaba, nizise imiti, niyake indlu, ndandiya kuyikolela, ndenzelwe ubungcwalisa, utsho UYEHOVA. Benikangela okuninzi, kodwa bona ke, bekukuncinane; kanjako nakukugodusa, ndapepeta pezu kwako. Nganina? utsho UYEHOVA wemikosi: ngenxa yendlu yam eci̔takeleyo, nokuba nibaleka abanye ngabanye ukuya kwezabo izindlu.