KUMAHEBHERE 1:3
KUMAHEBHERE 1:3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph' ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu.
KUMAHEBHERE 1:3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yezono, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni
KUMAHEBHERE 1:3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni
KUMAHEBHERE 1:3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
owati, eyinkazimlo yobungcwalisa bake nemfano yesiqu sake, epata nokupata zonke izinto ngelizwi lamandla ake, eyenzile ngokwake nje intlanjululwa yezono zetu, wahlala pantsi ngasekunene kwobukulukazi enyangweni yapezulu