UISAYA 11:2-3
UISAYA 11:2-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Umoya KAYEHOVA wopumla pezu kwake, umoya wobulumko nengqondo, umoya wobucebo namandla, umoya wokumazi nokumoyika UYEHOVA. Waeya kuqiqa msinya okwokwoyikwa KUKAYEHOVA; akayi kugweba ngokubona kwamehlo, akayi kwaba ngokuva kwendlebe kanjako
UISAYA 11:2-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ahle ahlale phezu kwalo uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha, umoya wokwazi nowokoyika uYehova. Ivumba elithozamisayo kuye likukoyika uYehova, angagwebi ngokokubona kwamehlo akhe, angohlwayi ngokokuva kweendlebe zakhe.
UISAYA 11:2-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
UMoya *kaNdikhoyo uya kubutha kuye, amambathise ngobulumko nokuqonda, atsho abe ligorha elimacebo, abe nokumazi amhlonele uNdikhoyo. Uya kukulangazelela ukuthobela uNdikhoyo; umfo ongagwebi ngembonakalo, umfo ongenguye uthoba-sikutyele.
UISAYA 11:2-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wohlala phezu kwakhe uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowokuqonda, umoya womnqweno nowamandla, umoya wokwazi nowokoyika uYehova; Womdlisa ubomi ngentliziyo ephilileyo, esoyika uYehova; angagwebi ngokubona kwamehlo akhe, engayi kukhalimela ngokuva kweendlebe zakhe.