UISAYA 2:3
UISAYA 2:3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwaye abantu abaninzi baya kuhamba kwaye bathi: Yizani, masinyuke siye entabeni yeNkosi, endlwini yoThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngeendlela zakhe; ngenxa yokuba umthetho nelizwi likaYehova liya kuphuma eZiyon liye eYerusalem.
UISAYA 2:3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyàlele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe. Kuba kuya kuphuma umyalelo eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.
UISAYA 2:3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ewe, abantu abaninzi baya kuza, bathi: “Yizani siye entabeni kaNdikhoyo, endlwini kaThixo kaYakobi. Yena wosifundisa iindlela zakhe, ukuze thina sihambe ngazo.” Kaloku umthetho wophuma eZiyon, liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.
UISAYA 2:3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ewe, zohamba izizwe ezininzi, ziti: Yizani, masinyuke siye entabeni KAYEHOVA, endlwini YOTIXO ka‐Yakobi, ukuba asifundise indlela zake, nokuba sihambe emikweni yake; ngokuba umteto uya kupuma e‐Ziyone, nelizwi LIKAYEHOVA e‐Yerusaleme.