UISAYA 40:31 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UISAYA 40:31 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.
Yabelana
UISAYA 40 XHO75UISAYA 40:31 XHO96 (IBHAYIBHILE)
kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo bosuka bahlaziyeke bomelele. Bosuka bantinge baxel' ukhozi; noba sebebaleka, soze badinwe; ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.
Yabelana
UISAYA 40 XHO96UISAYA 40:31 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanti abo bakangela KUYEHOVA bohlaziya amandla; baya kunyuka ngamapiko njengenkozi; bobaleka, bangadinwa; bohamba, bangacubuki.
Yabelana
UISAYA 40 XHO1902AUISAYA 40:31 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ke bona abakholose ngoYehova bona amandla amatsha; baya kunyuka ngamaphiko njengexhalanga; baya kugidima, bangadinwa; baya kuhamba bangatyhafi.
Yabelana
UISAYA 40 CXB24